161. Mna ne-Nkosi Yam
Ndino-Mhlobo wodidi,
Ndimthanda kakhulu,
    Undithantasa
     ngothando,
 Uthembekile kum;
’Ndinge hlali kude
  naye, Ndingaba
  kufuphi, Ngoko
 sihlala kunye Ne-
    Nkosi yam.
Ndiyatyhafa,
 ndidinwe, Undazi
  ndingento, Az’
 andayamise kuye,
yena luncedo lwam:
Nguy’ ondikhokel’
endlelen’, Kukhanye
  kamnandi; Ngoko
 sihamba kunye Ne-
     Nkosi yam.
Ndimxela zonk’
intsizi, Kwa nokuvuya
      kwam, Nako
 ukukholiswa kwam,
  Nokukhathazayo;
Yena uthi mandenze
   nje, Nohlobo
 lokwenza, Ngoko
sithetha kunye Ne-
    Nkosi yam.
Uyalaz’ unxano
 lwam, Lokuzuza
umntu, Uthi ngoko
   andithume,
Ngelizwi lothando,
Ndazise ngothando
lwakhe, Nangokufa
kwakhe, Sisebenza
kunye-ke Ne-Nkosi
      yam.

No.161